


Ukutyelela
iindawo
Maxawambi kufuneka sikhenkethe kwiindawo esingazazi. Oku kusenokuba kukutyelela umhlobo kwenye idolophu okanye ukuya kudliwanondlebe edolophini. Uhambo lunokuba nzima xa singakwazi ukufunda imephu. limephu zisibonisa imigama phakathi kweendawo neendlela ekufuneka sihambe kuzo. Masibone indlela yokusebenzisa imephu.



ukuya kwindawo ongazazi kubang' umdla. Kodwa kunokoyikisa ukuba awazi ukuba loo ndawo ikude kangakanani kwikhaya lakho kwanendlela ekufuneka uyi-hambe xa ufike kuloo ndawo lmephu inokukunceda ukufu-mane konke oku.
UThami ngumqhubi welori ohamba lonke eli laseAfrika. Ukhethe imephu ukuze imncede kuhambo lwakhe.

Okwenzeka Mihla Le kuThami Umqhubi Welori
NgoLwesihlanu, eMalawi

Ndemka egaraji kusekusasa. Ndibone abanye abantwana bethengisa ngebhanana endleleni. Ndafumana imali yam yaseMalawi ekuthiwa yitambata ndaza ndathenga iibhanana. Kwakuziibhanana ezinkulu kwaye ndandilambile. Lo mntwana wathi unazo nee-ntlanzi. Xa eyibiza uthi "siph". lntlanzi adiyithandi. Ndithanda
umqa nenyama.
lndlela eya eLilongwe imxi-nwa, kodwa ixakekile. Eli cala lasekunene lelori Ialihamba kwindlela yetha kanti amanye amavili ekhohlo ayehamba kwigrabile.

Kukho imizi neelali kwindlela eya eLilongwe. ELilongwe ndi-fumene indawo yokumisa ilori yam. Bathi mandiyishiye apho ilori yam ndize ndibuye nge-ngomso apho ibiza kulayishwa iziqhamo nombona oya eMozambique.

Omnye umqhubi welori ogama linguPierrie wandisa kwindawo yexabiso eliphantsi ukuze ndi-lale. Sanqumla esixekweni sidlula iihotele ezinkulu neevenkile. Upierre wandisa kwindawo yoku-phumla apho kwakukho nabanye abaqhubi beelori. Uthethe nabo ngolwimi endingazange ndiluve. Ndambuza ukuba usuka phi nokuba uthetha lwimi luphi.
UPierre wahleka waza wathi, Ndivela eZaire, sithetha isiFrentshi, mfo waseMzantsi Afrika.

Kwakukho abaqhubi-lori baseZambia, eMozambique naseMalawi. Ndavakalelwa ukuba nam ndiphakathi kwabaqhubi beelori abaziwayo. Sabasa umlilo saza satya ukutya okumnandi. Kwakukhala umculo kudaniswa. Amanye amagqiyazana aza kweli theko. Ngamnye kwaba baqhubi wazi-nqakulela igqiyazana. Ndikhumbula omnye umqhubi weelori waseThekwini eyibiza le ndlela ngokuthi Yindlela Ecothayo eya Esihogweni, kuba inkoliso yabaqhubi ichola IAIDS, kwaye ifa ngokuthe ngcembe.

Oku kucatshulwe kwincwadi ethi
The diary of Thami the Truck Driver
eshicilelwe ngabakwaNew Reader
Froject University of Natal, King
George V Avenue, Durban, 4001.



UKUFUNDA UKUBHALA  NOKUFUNDA
Ukufunda
imephu
Ukuze uThami akwazi
ukuwenza kakuhle
umsebenzi Wakhe kufuneka
afunde imephu. Kukho ii
ntlobo ngeentlobo zeeme
phu. Kukho iimephu
zamazwe neemephu zezitrato
ezidolophini. UThami kufuneka abe
nemephu embonisa amazwe aku- mazantsi eAfrika.

 Khangela imephu kaThami.
 Unokubona amagama eedolophu,
imida, amakomkhulu kwanemilambo. Ezi
zinto ziboniswa njengemiqondiso yemaphu.
Imiqondiso zizinto ezinjengezi
Le miqondiso kwiimephu ibhalelwe wena njengesi-
sombululo kokuthile kwimephu. Isisombululo kwimephu
sikubonisa okuthethwa ngumqondiso.

Umsebenzi 1
 Khangela imephu uze ufunde izisombululo . Ngoku phendula le mibuzo ilandelayo:
1.Sixelele ikomkhulu laseAngola, eMalawi naseZambia.
2.Yeyiphi eyona milambo mide?
3.Leliphi iIizwe elikumda waseMalawi?
4.UThami uhlala eJohannesburg. Yeyiphi indlela emfutshane anokuyisebenzisa xa esiya eLusaka?

6 BONA XHOSA - SeDtember 1997
UKUFUNDA UKUBHALA NOKUFUNDA


Malunga nemigama Zonke iimephu azilingani ne-lizwe lilonke. Kodwa iimephu zizotywe ngokobungakanani belizwe. Oku kuthetha ukuba zincinane gqitha kunelizwe. Ukuba ezi mephu bezinokwandiswa zibe nkulu ubungakanani bazo bunokulingana ilizwe olibonayo.

Makhe sikhangele umzekelo.
Kwimephu kaThami, I-one cm ilingana ne km. Umlinganiselo ubhalwe kufutshane nemephu. Qho ngeveki uThami uqhuba ukusuka eJohannesburg ukuya eHarare. Mncede abone ukuba zingakanani iikilometha aza kuzihamba.
Inyathelo loku-1: Linganisa umgama usebenzisa irula yakho. Oku kuyi 4cm.
Inyathelo lesi-2: Khumbula 1cm  200km
Inyathelo lesi-3: Phindaphinda 4cm ngo 200km.
Inyathelo lesi-4: lsiphumo 800km. Oku kuthetha ukuba uThami uhambe 800km


Umsebenzi 2
Funda le mephu uze wenze lo msebenzi ungezantsi. Oku kuya kukunceda ufunde ngemilinganiselo nemigama.

1. UThami uza kuhamba esuka ejohannesburg esiya eMaputo. Bala ukuba ngumgama omde kangakanani.
2. Zingakanani iikm ekufuneka uThami azihambe ukusuka eGaborone egoduka?
3.ILake Malawi inde ngeekhilomitha ezingakanani?
Ukutyelela lidolophu
Imephu zezixeko ziyanceda ukuba uza kuqala ukuya kuloo ndawo. Zingakunceda ubone isitrato osifunayo. Zinokukunceda ubone ukuba zindawoni iipaki okanye izikhululo zikaloliwe. Kodwa kuqala kufuneka wazi indlela yokufumana isalathiso.
Ukufumana izalathiso kulula. Amanye amagama onokuwasebenzisa ekuchazeleni umntu ngendawo kukuthi:


akujikajiki;
imelene.ngasemva;
ngaphambi kwe; Okubalulekileyo kukwalatha isakhiwo okanye okuthile okusecaleni kwendlela. Oku kuluncedo ukuze uyifumane indawo oyifunayo.























		

	

	Nifundiswa ngephepha lakwaMondi Paper

	Nifundiswa ngephepha lakwaMondi Paper

